Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 7:6-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho; úninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.

7. Akungabuninzi benu kunezinye izizwe zonke, le nto athene nca nani uYehova, waninyula; kuba nimbalwa kunezinye izizwe zonke.

8. Kungokunithanda kukaYehova, kungokusigcina kwakhe isifungo abesifungele ooyihlo, le nto anikhuphe ngesandla esithe nkqi uYehova, wanikhulula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka, esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa.

9. Yazi ke, ukuba uYehova uThixo wakho nguye uThixo, uThixo wenyaniso, obagcinela umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe, ase ewakeni lesizukulwana;

10. obabuyekezayo abamthiyayo ebusweni babo, ukuba abatshabalalise. Akalibali ukumbuyekeza omthiyayo; uya kumbuyekeza ebusweni bakhe.

11. Wugcine ke umthetho, nemimiselo, namasiko, endikuwisela wona namhla, ukuba uwenze.

12. Kothi ke ngenxa enokuba nithe naweva la mabango, nawagcina, nawenza, akugcinele umnqophiso nenceba uYehova uThixo wakho, awawufunga kooyihlo;

13. akuthande, akusikelele, akwandise, asikelele nesiqhamo sesizalo sakho, neziqhamo zomhlaba wakho, ingqolowa yakho, newayini yakho entsha, neoli yakho, nenkonyana yenkomo yakho, netakane lempahla yakho emfutshane, emhlabeni lowo wawufungela ooyihlo ukuba wokunika.

14. Wósikeleleka ngaphezu kwezizwe zonke; akusayi kubakho nto ingázaliyo, nokuba yindoda nokuba ngumfazi kuwe; nasezinkomeni zakho ayisayi kubakho.

15. UYehova wósusa zonke izifo kuwe; nobulwelwe bonke obubi baseYiputa, obo ubaziyo, akayi kububeka kuwe; úya kububeka kubo bonke abakuthiyayo.

16. Uze uzidle zonke izizwe ezo akunikayo uYehova uThixo wakho; iliso lakho lingabi nanceba kuzo, ungábakhonzi oothixo bazo; ngokuba ngumgibe lowo kuwe.

17. Xa uthe entliziyweni yakho, Ezi ntlanga zininzi kunam, ndinokuthini na ukuzigqopha? uze ungazoyiki.

18. Khumbula kakuhle awakwenzayo uYehova uThixo wakho kuFaro nakumaYiputa onke;

19. izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, nemiqondiso, nezimanga, nesandla esithe nkqi, nengalo eyolukileyo, awakukhupha ngazo uYehova uThixo wakho. Úya kwenjenjalo uYehova uThixo wakho kuzo zonke izizwe ozoyikayo.

20. Ngaphezu koko, uYehova uThixo wakho uya kuthuma oonomeva kuzo, zide ezo ziselayo, zizisithelisayo ebusweni bakho, zibhubhe.

21. Uze ungangcangcazeli ebusweni bazo; ngokuba uYehova uThixo wakho phakathi kwakho nguThixo omkhulu, owoyikekayo.

22. UYehova uThixo wakho uya kuzinyothula ezi ntlanga ebusweni bakho, kancinane, kancinane. Akuyi kuba nako ukuziphelisa kamsinya, hleze ande akongamele amarhamncwa asendle.

23. UYehova uThixo wakho wozinikela kuwe, azidungadunge ngodungadungo olukhulu, zide zitshatyalaliswe;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 7