Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 7:15-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. UYehova wósusa zonke izifo kuwe; nobulwelwe bonke obubi baseYiputa, obo ubaziyo, akayi kububeka kuwe; úya kububeka kubo bonke abakuthiyayo.

16. Uze uzidle zonke izizwe ezo akunikayo uYehova uThixo wakho; iliso lakho lingabi nanceba kuzo, ungábakhonzi oothixo bazo; ngokuba ngumgibe lowo kuwe.

17. Xa uthe entliziyweni yakho, Ezi ntlanga zininzi kunam, ndinokuthini na ukuzigqopha? uze ungazoyiki.

18. Khumbula kakuhle awakwenzayo uYehova uThixo wakho kuFaro nakumaYiputa onke;

19. izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, nemiqondiso, nezimanga, nesandla esithe nkqi, nengalo eyolukileyo, awakukhupha ngazo uYehova uThixo wakho. Úya kwenjenjalo uYehova uThixo wakho kuzo zonke izizwe ozoyikayo.

20. Ngaphezu koko, uYehova uThixo wakho uya kuthuma oonomeva kuzo, zide ezo ziselayo, zizisithelisayo ebusweni bakho, zibhubhe.

21. Uze ungangcangcazeli ebusweni bazo; ngokuba uYehova uThixo wakho phakathi kwakho nguThixo omkhulu, owoyikekayo.

22. UYehova uThixo wakho uya kuzinyothula ezi ntlanga ebusweni bakho, kancinane, kancinane. Akuyi kuba nako ukuziphelisa kamsinya, hleze ande akongamele amarhamncwa asendle.

23. UYehova uThixo wakho wozinikela kuwe, azidungadunge ngodungadungo olukhulu, zide zitshatyalaliswe;

24. abanikele ookumkani bazo esandleni sakho, ulicime igama labo phantsi kwezulu. Akuyi kuma mntu ebusweni bakho, ude uzitshabalalise zona.

25. Imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bazo woyitshisa ngomlilo; uze ungayinqweneli isilivere negolide ekuzo, ungayithabatheli kuwe, ibe ngumgibe; ngokuba lisikizi kuYehova uThixo wakho.

26. Uze ungalingenisi isikizi endlwini yakho, ukuze ungabi yinto yokusingelwa phantsi njengálo. Ize ibe nezothe, ibe linyala kuwe, ibe lisikizi kuwe, ngokuba yinto yokusingelwa phantsi.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 7