Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 7:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Xa athe uYehova uThixo wakho wakungenisa kulo ilizwe, oya kulo ukuba ulimé, wanyothula iintlanga ezininzi ebusweni bakho, amaHeti, namaGirgashi, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, iintlanga ezisixhenxe, zizininzi, zinamandla kunawe,

2. wazinikela kuwe uYehova uThixo wakho: uze uzixabele, uzisingele phantsi kuphele; ungenzi mnqophiso nazo, ungazisizeli.

3. Uze ungendiselani nazo, intombi yakho ungayiniki unyana wakhe, intombi yakhe ungayizekeli unyana wakho;

4. kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi, uvuthe umsindo kaYehova kuni, akutshabalalise kamsinya.

5. Ke yenjani nje kuzo: zidilizeni izibingelelo zazo, nizichithe izimiso zazo, nibaxakaxe ooAshera* bazo, niyitshise ngomlilo imifanekiso yazo eqingqiweyo.

6. Ngokuba ningabantu abangcwele kuYehova uThixo wakho; úninyule uYehova uThixo wakho, ukuba nibe ngabantu abayinqobo kuye, kunabantu bonke abaphezu komhlaba.

7. Akungabuninzi benu kunezinye izizwe zonke, le nto athene nca nani uYehova, waninyula; kuba nimbalwa kunezinye izizwe zonke.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 7