Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 6:16-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Nize ningamlingi uYehova uThixo wenu, njengoko namlingayo eMasa.

17. Nize niyigcine niyigcinile imithetho kaYehova uThixo wenu, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, awakuwiselayo;

18. wenze okuthe tye, okulungileyo emehlweni kaYehova; ukuze kulúnge kuwe, ungene ulimé ilizwe elihle, awalifungela ooyihlo uYehova,

19. ukuba azigxothe iintshaba zakho zonke ebusweni bakho, njengoko wathethayo uYehova.

20. Xa athe unyana wakho wakubuza ngomso, esithi, Zezani na ezi zingqino nemimiselo namasiko, aniwiseleyo uYehova uThixo wethu?

21. wòthi kunyana wakho, Sibe singamakhoboka kaFaro eYiputa; wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi;

22. uYehova wênza eYiputa imiqondiso nezimanga ezikhulu, ezibi, kuFaro, nasendlwini yakhe yonke, emehlweni ethu;

23. wasikhupha khona, ukuze asingenise, ukuba asinike ilizwe elo abelifungele oobawo.

24. Wasiwisela umthetho uYehova, ukuba siyenze le mimiselo yonke, ukuba simoyike uYehova uThixo wethu, kulúnge kuthi yonke imihla, silondolozelwe ebomini, njengoko kunjalo namhla.

25. Koba bubulungisa kuthi, xa sithe sagcina ukuwenza wonke lo mthetho phambi koYehova uThixo wethu, njengoko wasiwiselayo umthetho.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 6