Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 6:13-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. UYehova uThixo wakho ùze umoyike, umkhonze, ufunge igama lakhe.

14. Nize ningalandeli thixo bambi koothixo bezizwe eziningqongileyo;

15. ngokuba nguThixo onekhwele, uYehova uThixo wakho phakathi kwakho; hleze umsindo kaYehova uThixo wakho uvuthe ngakuwe, ukutshabalalise, ungabikho ehlabathini.

16. Nize ningamlingi uYehova uThixo wenu, njengoko namlingayo eMasa.

17. Nize niyigcine niyigcinile imithetho kaYehova uThixo wenu, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, awakuwiselayo;

18. wenze okuthe tye, okulungileyo emehlweni kaYehova; ukuze kulúnge kuwe, ungene ulimé ilizwe elihle, awalifungela ooyihlo uYehova,

19. ukuba azigxothe iintshaba zakho zonke ebusweni bakho, njengoko wathethayo uYehova.

20. Xa athe unyana wakho wakubuza ngomso, esithi, Zezani na ezi zingqino nemimiselo namasiko, aniwiseleyo uYehova uThixo wethu?

21. wòthi kunyana wakho, Sibe singamakhoboka kaFaro eYiputa; wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi;

22. uYehova wênza eYiputa imiqondiso nezimanga ezikhulu, ezibi, kuFaro, nasendlwini yakhe yonke, emehlweni ethu;

23. wasikhupha khona, ukuze asingenise, ukuba asinike ilizwe elo abelifungele oobawo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 6