Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 5:29-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Akwaba bebenale ntliziyo yokundoyika, nokuyigcina imithetho yam yonke, imihla yonke, ukuze kulúnge kubo noonyana babo ngonaphakade!

30. Yiya, uthi kubo, Buyelani ezintenteni zenu.

31. Ke wena, yima apha ngakum, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemimiselo namasiko, owobafundisa wona, bawenze ezweni elo ndibanika lona, ukuba balimé.

32. Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo.

33. Hambani ngeendlela zonke awaniwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile; kulúnge kuni, niyolule imihla ezweni elo niya kulima.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 5