Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 5:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wawabiza uMoses amaSirayeli onke, wathi kuwo, Yivani, maSirayeli, imimiselo namasiko endiwathethayo ezindlebeni zenu namhla, ukuze niwafunde, nigcine ukuwenza.

2. UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe.

3. UYehova akawenzanga noobawo bethu lo mnqophiso; wawenza nathi aba sikhoyo sonke siphela, siphilile namhlanje.

4. UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo.

5. Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ànanyuka niye entabeni. Wathi:

6. NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.

7. Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.

8. Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.

9. Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo;

10. ndiwénzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 5