Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 4:36-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Wakuvisa izwi lakhe liphuma emazulwini, ukuba akuqeqeshe, nasemhlabeni wakubonisa umlilo wakhe omkhulu, waweva namazwi akhe phakathi komlilo.

37. Wabathandáyo nje ooyihlo, wayinyula nembewu yabo emva kwabo, wakukhupha eYiputa ngobukho bakhe, ngamandla akhe amakhulu;

38. ukuba agqogqe iintlanga ezinkulu ezomeleleyo kunawe, zingabikho ebusweni bakho; ukuba akungenise, akunike ilizwe lazo libe lilifa, njengoko kunjalo namhla.

39. Yazi ke namhla, ukunyàmekele ngentliziyo yakho, ukuba uYehova nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi;

40. akukho wumbi; uyigcìne imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, endikumisela yona namhla, ukuba kulúnge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, ukuze uyolule imihla yakho emhlabeni, lowo akunika wona uYehova uThixo wakho imihla yonke.

41. Waza uMoses wahlula imizi yamithathu ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, ukuba asabele khona umbulali obulele ummelwane wakhe ngengozi,

42. ebengamthiyile ngaphambili; asabele ke komnye waloo mizi, aphile:

43. iBhetsere, entlango ezweni lehewu kumaRubhen; iRamoti, kwelaseGiliyadi kumaGadi; iGolan, eBhashan kumaManase.

44. Nguwo lo umyalelo awawubekayo uMoses phambi koonyana bakaSirayeli.

45. Zizo ezi izingqino nemimiselo namasiko awawathethayo uMoses koonyana bakaSirayeli, ekuphumeni kwabo eYiputa,

46-47. ngaphonoshono kweYordan, emfuleni omalunga neBhete-pehore, ezweni lakwaSihon, ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon, abambulaláyo ooMoses noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa; balihlutha ilizwe lakhe, nelizwe likaOgi ukumkani waseBhashan, ookumkani ababini bama-Amori ababengaphonoshono kweYordan ngasempumalanga;

48. bathabathela eArohere, engaseludinini lomlanjana oyiArnon, bada besa entabeni yeSiyon eyiHermon,

49. neArabha yonke ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, bada besa elwandle lwaseArabha, ngaphantsi kwamaxandeka asePisga.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 4