Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 4:28-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. nikhonze khona oothixo abangumsebenzi wezandla zomntu, imithi namatye, abangaboniyo, abangeviyo, abangadliyo, abangajojiyo;

29. eningathi nimfune khona uYehova uThixo wenu, nimfumane, xa nithe naquqela kuye ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.

30. Ekubandezelekeni kwenu, zakunifumana zonke ezi zinto, ekupheleni kwemihla, nobuyela kuYehova uThixo wenu, niliphulaphule ilizwi lakhe.

31. Ngokuba nguThixo onemfesane uYehova uThixo wakho; akayi kukuyekela, akayi kukonakalisa, akayi kuwulibala umnqophiso wooyihlo awabafungelayo.

32. Kuba khawubuze emihleni yamandulo, eyayikho ngaphambi kwakho, kususela kumhla uThixo awadala ngawo umntu ehlabathini, uthabathele esiphelweni sezulu, ude use esiphelweni sezulu, ukuba khe kwakho na into enjengale nto ukuba nkulu, ukuba khe kwaviwa into enjengale na?

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 4