Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 4:25-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Xa uthe wazala abantwana, nabantwana babantwana, kwada kwaba kudala nihleli kwelo zwe, nazonakalisa, nenza umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento nokuba yiyiphi, nenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wenu, namqumbisa:

26. ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani, ukuba nòdaka mpela kamsinya, ningabikho kwelo zwe, niwela iYordan nisiya kulo ukuba nilimé; anisayi kuyolula imihla yenu kulo, notshabalala kube kanye.

27. Woniphangalalisa uYehova phakathi kwezizwe, nisale nibantu bambalwa ezintlangeni, apho uYehova aya kuniqhubela khona;

28. nikhonze khona oothixo abangumsebenzi wezandla zomntu, imithi namatye, abangaboniyo, abangeviyo, abangadliyo, abangajojiyo;

29. eningathi nimfune khona uYehova uThixo wenu, nimfumane, xa nithe naquqela kuye ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.

30. Ekubandezelekeni kwenu, zakunifumana zonke ezi zinto, ekupheleni kwemihla, nobuyela kuYehova uThixo wenu, niliphulaphule ilizwi lakhe.

31. Ngokuba nguThixo onemfesane uYehova uThixo wakho; akayi kukuyekela, akayi kukonakalisa, akayi kuwulibala umnqophiso wooyihlo awabafungelayo.

32. Kuba khawubuze emihleni yamandulo, eyayikho ngaphambi kwakho, kususela kumhla uThixo awadala ngawo umntu ehlabathini, uthabathele esiphelweni sezulu, ude use esiphelweni sezulu, ukuba khe kwakho na into enjengale nto ukuba nkulu, ukuba khe kwaviwa into enjengale na?

33. Bakha baliva na abantu izwi loThixo ethetha phakathi komlilo, njengoko walivayo wena, baphila noko?

34. Okanye kukho thixo wakha walinga na ukuya kuzithabathela uhlanga phakathi kohlanga ngezilingo, nangemiqondiso, nangezimanga, nangemfazwe, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, njengako konke akwenzileyo kuni uYehova uThixo wenu eYiputa, emehlweni akho?

35. Waboniswa wena, ukuze wazi ukuba uYehova nguye uThixo; akukho wumbi, nguye yedwa.

36. Wakuvisa izwi lakhe liphuma emazulwini, ukuba akuqeqeshe, nasemhlabeni wakubonisa umlilo wakhe omkhulu, waweva namazwi akhe phakathi komlilo.

37. Wabathandáyo nje ooyihlo, wayinyula nembewu yabo emva kwabo, wakukhupha eYiputa ngobukho bakhe, ngamandla akhe amakhulu;

38. ukuba agqogqe iintlanga ezinkulu ezomeleleyo kunawe, zingabikho ebusweni bakho; ukuba akungenise, akunike ilizwe lazo libe lilifa, njengoko kunjalo namhla.

39. Yazi ke namhla, ukunyàmekele ngentliziyo yakho, ukuba uYehova nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi;

40. akukho wumbi; uyigcìne imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, endikumisela yona namhla, ukuba kulúnge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, ukuze uyolule imihla yakho emhlabeni, lowo akunika wona uYehova uThixo wakho imihla yonke.

41. Waza uMoses wahlula imizi yamithathu ngaphonoshono kweYordan ngasempumalanga, ukuba asabele khona umbulali obulele ummelwane wakhe ngengozi,

42. ebengamthiyile ngaphambili; asabele ke komnye waloo mizi, aphile:

43. iBhetsere, entlango ezweni lehewu kumaRubhen; iRamoti, kwelaseGiliyadi kumaGadi; iGolan, eBhashan kumaManase.

44. Nguwo lo umyalelo awawubekayo uMoses phambi koonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 4