Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 4:23-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Zigcineni, hleze niwulibale umnqophiso kaYehova uThixo wenu, awawenzayo nani, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yezinto zonke awakuwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wakho.

24. Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo, unguThixo onekhwele.

25. Xa uthe wazala abantwana, nabantwana babantwana, kwada kwaba kudala nihleli kwelo zwe, nazonakalisa, nenza umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento nokuba yiyiphi, nenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wenu, namqumbisa:

26. ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani, ukuba nòdaka mpela kamsinya, ningabikho kwelo zwe, niwela iYordan nisiya kulo ukuba nilimé; anisayi kuyolula imihla yenu kulo, notshabalala kube kanye.

27. Woniphangalalisa uYehova phakathi kwezizwe, nisale nibantu bambalwa ezintlangeni, apho uYehova aya kuniqhubela khona;

28. nikhonze khona oothixo abangumsebenzi wezandla zomntu, imithi namatye, abangaboniyo, abangeviyo, abangadliyo, abangajojiyo;

29. eningathi nimfune khona uYehova uThixo wenu, nimfumane, xa nithe naquqela kuye ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.

30. Ekubandezelekeni kwenu, zakunifumana zonke ezi zinto, ekupheleni kwemihla, nobuyela kuYehova uThixo wenu, niliphulaphule ilizwi lakhe.

31. Ngokuba nguThixo onemfesane uYehova uThixo wakho; akayi kukuyekela, akayi kukonakalisa, akayi kuwulibala umnqophiso wooyihlo awabafungelayo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 4