Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 4:2-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ize ningongezi ezwini endiniwisela umthetho ngalo, ize ninganciphisi nto kulo, ukuze niyigcine imithetho kaYehova uThixo wenu, endiniwisela yona.

3. Amehlo enu akubonile oko wakwenzayo uYehova kuBhahalipehore;* ngokuba bonke abo babemlandela uBhahali-pehore, uYehova uThixo wakho ubatshabalalisile phakathi kwakho.

4. Ke nina nanamatheláyo kuYehova uThixo wenu, niphilile nonke namhla.

5. Yabonani, ndinifundise imimiselo namasiko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo wam, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilimé.

6. Yigcineni ke niyenze; ngokuba oku bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lùkhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.

7. Ngokuba luluphi na uhlanga olukhulu, oluthixo usondeleyo kúlo, njengoYehova uThixo wethu, ekumbizeni kwethu konke?

8. Luluphi na uhlanga olukhulu olunemimiselo namasiko anobulungisa, njengaló myalelo wonke ndiwubekayo phambi kwenu namhla?

9. Kodwa zigcine, uwugcine umphefumlo wakho kunene, hleze uzilibale izinto azibonileyo amehlo akho; hleze zimke entliziyweni yakho yonke imihla yokuphila kwakho.

10. Uze uzazise oonyana bakho, noonyana boonyana bakho; ngokukodwa umhla owema ngawo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe, akuthi uYehova kum, babizele ndawonye kum abantu, ndibavise amazwi am, ukuze bafunde ukundoyika yonke imihla abaphila ngayo emhlabeni, bafundise noonyana babo.

11. Nasondela, nema phantsi kwentaba, intaba isitsha ngumlilo wada wesa esazulwini sezulu, ibubumnyama bamafu nesithokothoko.

12. Wathetha uYehova kuni ephakathi komlilo; nasiva isandi samazwi, anabona mbonakalo, yaba sisandi sodwa.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 4