Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 4:15-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Zigcineni kunene ngenxa yemiphefumlo yenu, ngokuba anibonanga mbonakalo yanto, mini wathetha uYehova kuni eHorebhe phakathi komlilo;

16. hleze nizonakalise, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento efana nokuba yiyiphi:

17. into emilise okwendoda nokwenkazana, into emilise okwento yonke ezitho ziné esemhlabeni, into emilise okwentaka yonke enamaphiko, ephaphazela esibhakabhakeni,

18. into emilise okwesinambuzane sonke esisemhlabeni, into emilise okweentlanzi zonke ezisemanzini phantsi komhlaba;

19. hleze uwaphakamisele ezulwini amehlo akho, ubone ilanga nenyanga neenkwenkwezi, wonke umkhosi wasezulwini, uwexulwe, uzinqule, uzikhonze, ezo uYehova uThixo wakho azabele izizwe zonke phantsi kwezulu lonke.

20. Ke nina unithabathile uYehova, wanikhupha kwiziko lesinyithi eYiputa, ukuba nibe ngabantu abalilifa kuye, njengoko ninjalo namhla.

21. Phezu koko uYehova wandifuthela ngenxa yamazwi enu, wafunga ukuba andiyi kuyiwela iYordan, andiyi kungena ezweni elihle akunikayo uYehova uThixo wakho, ukuba libe lilifa;

22. kuba ndiya kufela kweli lizwe, andiyiweli iYordan. Ke nina niya kuwela, nilimé elo lizwe lihle.

23. Zigcineni, hleze niwulibale umnqophiso kaYehova uThixo wenu, awawenzayo nani, nizenzele umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yezinto zonke awakuwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wakho.

24. Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo, unguThixo onekhwele.

25. Xa uthe wazala abantwana, nabantwana babantwana, kwada kwaba kudala nihleli kwelo zwe, nazonakalisa, nenza umfanekiso oqingqiweyo, imbonakalo yento nokuba yiyiphi, nenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wenu, namqumbisa:

26. ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani, ukuba nòdaka mpela kamsinya, ningabikho kwelo zwe, niwela iYordan nisiya kulo ukuba nilimé; anisayi kuyolula imihla yenu kulo, notshabalala kube kanye.

27. Woniphangalalisa uYehova phakathi kwezizwe, nisale nibantu bambalwa ezintlangeni, apho uYehova aya kuniqhubela khona;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 4