Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 34:4-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wathi uYehova kuye, Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kooAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho; ndikukhangelisile ngamehlo, ke akuyi kuwela uye kulo.

5. Wafela khona uMoses, umkhonzi kaYehova, ezweni lakwaMowabhi, ngokomlomo kaYehova.

6. Wamngcwabela emfuleni, ezweni lakwaMowabhi, malungana neBhete-pehore. Akukho bani ulaziyo ingcwaba lakhe unanamhla.

7. UMoses ebeminyaka ilikhulu elinamanci mabini ezelwe, mini wafa; lingenalurhatyazo iliso lakhe, esomelele nokomelela.

8. Oonyana bakaSirayeli bamlilela uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi imihla emashumi mathathu; yaphela ke imihla yokumlilela nokumenzela isijwili uMoses.

9. Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko; ngokuba uMoses wayecinezele ngezandla zakhe phezu kwakhe. Bamphulaphula ke oonyana bakaSirayeli, benza njengoko uMoses wamwisela umthetho ngako.

10. Akubanga savela kwaSirayeli mprofeti unjengoMoses, awathi uYehova wamazi, bakhangelana ebusweni;

11. ngemiqondiso yonke, nezimanga, awamthumayo uYehova ukuba azenze ezweni laseYiputa kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 34