Nyuka uye kule ntaba yaseAbharim, entabeni yeNebho, esezweni lakwaMowabhi, elikhangelene neYeriko, ukhangele ilizwe lakwaKanan, endilinika oonyana bakaSirayeli ukuba libe lelabo;