Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 31:8-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. NguYehova ohamba phambi kwakho; yena uya kuba nawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya. Uze ungoyiki, ungaqhiphuki mbilini.

9. Wawubhala uMoses lo myalelo, wawunika ababingeleli, oonyana bakaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, namadoda amakhulu akwaSirayeli onke.

10. UMoses wabawisela umthetho, esithi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ngexesha elimisiweyo lomnyaka woyekelelo, emthendelekweni weminquba,

11. ekuzeni kubonakala kwamaSirayeli onke phambi koYehova uThixo wakho, kuloo ndawo aya kuyinyula, wòwulesa lo myalelo phambi kwamaSirayeli onke ezindlebeni zawo.

12. Bobizelwa ndawonye abantu, amadoda, nabafazi, nabantwana, nomphambukeli wakho osemasangweni akho, ukuze beve, nokuze bafunde, bamoyike uYehova uThixo wenu, bagcine ukuwenza onke amazwi alo myalelo;

13. beve noonyana babo abangaziyo, bafunde ukumoyika uYehova uThixo wenu, yonke imihla enidla ubomi ngayo, kuloo mhlaba eniwela iYordan nisiya kuwuma.

14. Wathi uYehova kuMoses, Yabona, isondele imihla yakho yokuba ufe. Biza uYoshuwa, niye nime ententeni yokuhlangana, ndimyale. Baya ooMoses noYoshuwa, bema ententeni yokuhlangana.

15. Wabonakala uYehova ententeni emqulwini welifu. Wamana umi umqulu welifu phezu komnyango wentente.

16. Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ùya kulala nooyihlo; basùke aba bantu bahenyuze ngokulandela thixo bambi belo zwe bangena kulo phakathi kwalo, bandishiye, bawaphule umnqophiso wam endiwenze nabo;

17. uvúthe umsindo wam kubo ngaloo mini, ndibashiye, ndibusithelise ubuso bam kubo, babe ngabokudliwa kuthi tu, bafunyanwe bububi obuninzi naziimbandezelo; bathi ngaloo mini, Àkungenxa yokuba engekho na uThixo wam phakathi kwam, le nto ndifunyenwe bobu bubi?

18. Ke mna ndiya kubusithelisa kuphele ubuso bam ngaloo mini, ngenxa yobubi bonke ababenzileyo; ngokuba bejike baya thixweni bami.

19. Kaloku ke zibhaleleni le ngoma, niyifundise oonyana bakaSirayeli, niyibeke emlonyeni wabo, ukuze le ngoma ibe lingqina lam koonyana bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 31