Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 31:16-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ùya kulala nooyihlo; basùke aba bantu bahenyuze ngokulandela thixo bambi belo zwe bangena kulo phakathi kwalo, bandishiye, bawaphule umnqophiso wam endiwenze nabo;

17. uvúthe umsindo wam kubo ngaloo mini, ndibashiye, ndibusithelise ubuso bam kubo, babe ngabokudliwa kuthi tu, bafunyanwe bububi obuninzi naziimbandezelo; bathi ngaloo mini, Àkungenxa yokuba engekho na uThixo wam phakathi kwam, le nto ndifunyenwe bobu bubi?

18. Ke mna ndiya kubusithelisa kuphele ubuso bam ngaloo mini, ngenxa yobubi bonke ababenzileyo; ngokuba bejike baya thixweni bami.

19. Kaloku ke zibhaleleni le ngoma, niyifundise oonyana bakaSirayeli, niyibeke emlonyeni wabo, ukuze le ngoma ibe lingqina lam koonyana bakaSirayeli.

20. Kuba ndiya kubangenisa kuwo umhlaba endafunga kooyise ngawo, obaleka amasi nobusi, badle bahluthe, batyebe; bajike baye thixweni bambi, babakhonze, bandigibe, bawaphule umnqophiso wam.

21. Kothi, xa bathe bafunyanwa bububi obuninzi naziimbandezelo, isuke le ngoma iphendule phambi kwabo, ibe lingqina: kuba ayisayi kulityalwa imke emlonyeni wembewu yabo; kuba ndiyakwazi ukucamanga kwabo abakwenzayo namhla, ndingekabangenisi nje kwelo zwe ndifunge ngalo.

22. Wayibhala uMoses loo ngoma ngaloo mini, wayifundisa oonyana bakaSirayeli.

23. Wammisela uYoshuwa unyana kaNun umthetho; wathi, Yomelela, ukhaliphe, kuba ùya kubangenisa wena oonyana bakaSirayeli kwelo zwe ndabafungela lona. Ndiya kuba nawe mna.

24. Kwathi, akugqiba uMoses ukuwabhala amazwi alo myalelo encwadini ada agqitywa,

25. uMoses wabawisela umthetho abaLevi, ababethwala ityeya yomnqophiso kaYehova, esithi,

26. Yithabatheni incwadi yalo myalelo, niyibeke ecaleni letyeya yomnqophiso kaYehova uThixo wenu, ibe lingqina khona kuni.

27. Ngokuba ndiyazazi iinkani zakho, nentamo yakho elukhuni. Yabonani, ndisadla ubomi nje, ndisenani, namana niphikisana noYehova; kobeka phi na emva kokufa kwam?

28. Bizelani ndawonye onke amadoda amakhulu ezizwe zenu, nababhali benu, beze kum, ndiwathethe la mazwi ezindlebeni zabo, ndingqinisise amazulu nehlabathi ngabo.

29. Kuba ndiyazi ukuba, emva kokufa kwam, niya kuzonakalisa kanye, nityeke endleleni endiniwisele umthetho ngayo, nihlelwe bububi ekupheleni kwemihla; ngokuba niya kwenza ububi phambi koYehova, ukuba nimqumbise ngomsebenzi wezandla zenu.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 31