Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 30:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ukuba ùthe wagxothelwa esiphelweni sezulu, wókubutha nakhona apho uYehova uThixo wakho; wókuphuthuma nakhona apho.

5. Wókuzisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe ababelihluthile ooyihlo, ulimé, akwenzele okulungileyo, akwandise ngaphezu kooyihlo.

6. Wóyalùsa intliziyo yakho uYehova uThixo wakho, nentliziyo yembewu yakho, ukuba umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke, ukuze uphile.

7. Wózibeka uYehova uThixo wakho zonke ezi zishwabulo phezu kweentshaba zakho, naphezu kwabakuthiyileyo, abakutshutshisileyo;

8. ubuye ke wena, uliphulaphule izwi likaYehova, uyenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla.

9. UYehova uThixo wakho uya kwandisa kumsebenzi wonke wesandla sakho, kwisiqhamo sesizalo sakho, nakwisiqhamo senkomo yakho, nakwisiqhamo somhlaba wakho, kulunge; ngokuba uYehova uya kubuya abe nemihlali ngawe, kulunge, njengoko waba nemihlali ngooyihlo:

10. xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine imithetho yakhe nemimiselo yakhe, ebhaliweyo encwadini yalo myalelo; xa uthe wabuyela kuYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.

11. Ngokuba lo mthetho ndikuwiselayo namhla awunto ikunqabeleyo, awukude nokuba kude.

12. Awusezulwini, ukuba uthi, Ngubani na oya kusinyukela ezulwini, asithabathele siwuve, siwenze?

13. Awuphesheya kolwandle, ukuba uthi, Ngubani na oya kusiwelela ulwandle, asithabathele, siwuve, siwenze?

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 30