Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 30:18-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. ndiyanixelela namhla, ukuba nobhubha kanye. Aniyi kolulelwa mini zenu kuwo umhlaba, eniwela iYordan nisiya kuwuma.

19. Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeké phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho;

20. ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 30