Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 30:14-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ngokuba ilizwi eli lisondele kunene kuwe, emlonyeni wakho nasentliziyweni yakho, ukuba ulenze.

15. Khangela, ndibeké phambi kwakho namhla ubomi nokulunga, ukufa nobubi;

16. ekubeni ndikuwisela umthetho namhla, ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, uphile, wande, akusikelele uYehova uThixo wakho kwelo zwe ungena kulo ukuba ulimé.

17. Ke ukuba ithe yajika intliziyo yakho, akweva, wawexulwa, wanqula thixo bambi, wabakhonza:

18. ndiyanixelela namhla, ukuba nobhubha kanye. Aniyi kolulelwa mini zenu kuwo umhlaba, eniwela iYordan nisiya kuwuma.

19. Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeké phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho;

20. ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 30