11. Ngokuba nguOgi yedwa, ukumkani waseBhashan, impunde eyayisele kumaRafa. Nantso ikoyi yakhe, ikoyi yentsimbi; asiyiyo na leya iseRabha yakoonyana baka-Amon? Iziikubhite* ezisithoba ubude bayo, iziikubhite eziné ububanzi bayo, ngokwekubhite yabantu.
12. Elo lizwe salihlutha ngelo xesha, sithabathela eArohere ekumlanjana oyiArnon; nesiqingatha sentaba yeGiliyadi, nemizi yayo ndayinika amaRubhen namaGadi.
13. Amasalela aseGiliyadi naweBhashan yonke, ubukumkani bukaOgi, ndawanika isiqingatha sesizwe sikaManase; wonke ummandla weArgobhi neBhashan yonke, leyo bekusithiwa lilizwe lamaRafa.
14. UYahire, unyana kaManase, wathabatha wonke ummandla weArgobhi, wada wesa emdeni wamaGeshuri namaMahakati, wawubiza ngegama lakhe, wathi iBhashan yiHavotiyahire,* unanamhla.
15. UMakire ndamnika elaseGiliyadi.