Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 3:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. yonke imizi yehewu, neyelaseGiliyadi lonke, neBhashan yonke, kwada kwesa eSaleka ne-Edreyi, imizi yobukumkani bukaOgi eBhashan.

11. Ngokuba nguOgi yedwa, ukumkani waseBhashan, impunde eyayisele kumaRafa. Nantso ikoyi yakhe, ikoyi yentsimbi; asiyiyo na leya iseRabha yakoonyana baka-Amon? Iziikubhite* ezisithoba ubude bayo, iziikubhite eziné ububanzi bayo, ngokwekubhite yabantu.

12. Elo lizwe salihlutha ngelo xesha, sithabathela eArohere ekumlanjana oyiArnon; nesiqingatha sentaba yeGiliyadi, nemizi yayo ndayinika amaRubhen namaGadi.

13. Amasalela aseGiliyadi naweBhashan yonke, ubukumkani bukaOgi, ndawanika isiqingatha sesizwe sikaManase; wonke ummandla weArgobhi neBhashan yonke, leyo bekusithiwa lilizwe lamaRafa.

14. UYahire, unyana kaManase, wathabatha wonke ummandla weArgobhi, wada wesa emdeni wamaGeshuri namaMahakati, wawubiza ngegama lakhe, wathi iBhashan yiHavotiyahire,* unanamhla.

15. UMakire ndamnika elaseGiliyadi.

16. AmaRubhen namaGadi ndawanika, ndithabathela kwelaseGiliyadi, ndada ke ndesa kumlanjana oyiArnon, empholokhohlweni wesihlambo, naloo mmandla waso, ndada ndesa naseYabhoki emlanjaneni, emdeni woonyana baka-Amon;

17. neArabha, neYordan nommandla wayo, ndithabathela eKinerete, ndada ndesa elwandle lweArabha, uLwandle lweTyuwa, phantsi kwamaxandeka ePisga ngasempumalanga.

18. Ndaniwisela umthetho ngelo xesha, ndisithi, uYehova uThixo wenu uniniké eli lizwe ukuba nilihluthe. Welani nixhobile phambi kwabazalwana benu, oonyana bakaSirayeli, nonke nina bafo banobukroti.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 3