Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 3:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Sajika, senyuka ngendlela yaseBhashan; waphuma uOgi ukumkani waseBhashan, wasihlangabeza yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwe e-Edreyi.

2. Wathi uYehova kum, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe; uya kwenza kuye njengoko wenza ngako kuSihon ukumkani wama-Amori, obemi eHeshbhon.

3. UYehova uThixo wethu wamnikela ke ezandleni zethu uOgi ukumkani waseBhashan, nabantu bakhe bonke; sambulala, kwada akwabakho namnye usindayo.

4. Sayithimba yonke imizi yakhe ngelo xesha, akwabakho mzi singawuthabathanga kubo; imizi yaba mashumi mathandathu, wonke ummandla waseArgobhi, ubukumkani bukaOgi eBhashan.

5. Yonke loo mizi ibinqatyiswe ngodonga oluphakamileyo, namasango, nemivalo; iyodwa imizi yabasemaphandleni, eyabe imininzi kunene.

6. Sayisingela phantsi, njengoko senzayo kuSihon ukumkani waseHeshbhon; sasingela phantsi amadoda emizi yonke, nabafazi, nabantwana.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 3