Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 29:22-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Sóthi isizukulwana esisemva kwenu, oonyana benu abaya kuvela emva kwenu nowolunye uhlanga ovela ezweni elikude, bazibone izibetho zelo lizwe, nezifo zalo uYehova azihlisileyo kulo:

23. isulfure netyuwa, litshile lonke ilizwe lakhona, lingàhlwayelwa, lingahlumi nto, lingaphumi tyani; linjengokubhukuqwa kweSodom neGomora, iAdama neTsebhoyim, awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangobushushu bakhe.

24. Zothi ke zonke iintlanga, Kungenxa yantoni na, ukuba uYehova enjenje kweli lizwe? Kuyini na ukuvutha kwaló msindo mkhulu kangaka?

25. Kuthiwe, Kungokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wooyise, áwawenza nabo ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.

26. Baya bakhonza thixo bambi, babanqula, oothixo abangabaziyo, abengababelanga yena.

27. Wavutha ke umsindo kaYehova kwelo zwe, ukuba kuziswe phezu kwalo zonke iziqalekiso ezibhaliweyo kule ncwadi;

28. uYehova wabanyothula emhlabeni wabo ngomsindo, nangobushushu, nangoburhalarhume obukhulu, wabaphosa zweni limbi, njengoko kunjalo namhla.

29. Izinto ezisitheleyo zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni, ukuze siwenze onke amazwi alo myalelo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 29