Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 29:13-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. ukuze animise namhla nibe ngabantu kuye, yena abe nguThixo kuni, njengoko wakuthethayo kuni, njengoko wakufungayo kooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi.

14. Andiwenzi nani nedwa lo mnqophiso nesi sifungo;

15. ndiwenza nomiyo apha nathi namhla phambi koYehova uThixo wethu, kwanongekhoyo apha nathi namhla.

16. Ngokuba nina niyakwazi ukuhlala kwethu ezweni laseYiputa, nokucanda kwethu phakathi kweentlanga enacanda kuzo;

17. nazibona izinto zazo ezinezothe, nezigodo ezizizithixo zazo, imithi namatye, isilivere negolide, ezinazo:

18. hleze kubekho kuni ndoda, namfazi, namzalwane, nasizwe, sintliziyo ijikayo namhla, imke kuYehova uThixo wethu, iye kukhonza oothixo bezo ntlanga; hleze kubekho kuni ingcambu ezele ubuhlungu nomhlonyane;

19. kuthi, ekuweveni kwakhe amazwi esi sishwabulo, azisikelele entliziyweni yakhe, esithi, Ndoba noxolo; ngokuba ndihamba ebungqoleni bentliziyo yam, ukuze kuphetshethwe osele wahlutha kwanonxaniweyo.

20. UYehova akasayi kuvuma ukumxolela; wosuka uqhume umsindo kaYehova nekhwele lakhe kuloo ndoda, silale phezu kwayo sonke isishwabulo esibhaliweyo kule ncwadi, alicime uYehova igama layo phantsi kwezulu.

21. Wóyahlulela uYehova okubi ezizweni zonke zamaSirayeli, ngokwezishwabulo zonke zomnqophiso obhaliweyo encwadini yalo myalelo.

22. Sóthi isizukulwana esisemva kwenu, oonyana benu abaya kuvela emva kwenu nowolunye uhlanga ovela ezweni elikude, bazibone izibetho zelo lizwe, nezifo zalo uYehova azihlisileyo kulo:

23. isulfure netyuwa, litshile lonke ilizwe lakhona, lingàhlwayelwa, lingahlumi nto, lingaphumi tyani; linjengokubhukuqwa kweSodom neGomora, iAdama neTsebhoyim, awazibhukuqayo uYehova ngomsindo wakhe nangobushushu bakhe.

24. Zothi ke zonke iintlanga, Kungenxa yantoni na, ukuba uYehova enjenje kweli lizwe? Kuyini na ukuvutha kwaló msindo mkhulu kangaka?

25. Kuthiwe, Kungokuba bewushiyile umnqophiso kaYehova uThixo wooyise, áwawenza nabo ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.

26. Baya bakhonza thixo bambi, babanqula, oothixo abangabaziyo, abengababelanga yena.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 29