Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 29:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ngawo la amazwi omnqophiso, awamwisela uMoses umthetho ngawo uYehova, ukuba awenze noonyana bakaSirayeli ezweni lakwaMowabhi, ngaphandle komnqophiso awawenzayo nabo eHorebhe.

2. UMoses wawabiza amaSirayeli onke, wathi kuwo, Nikubonile konke akwenzileyo uYehova emehlweni enu ezweni laseYiputa, kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke;

3. izilingo ezikhulu azibonileyo amehlo akho, eziyimiqondiso nezimanga ezikhulu.

4. Ke akaninikanga uYehova intliziyo yokwazi, namehlo okubona, neendlebe zokuva, unanamhla.

5. Ndinihambisile iminyaka engamashumi amané entlango. Iingubo zenu azonakalanga bubudala, zinishiye; neembadada zakho azonakalanga ziphele ezinyaweni zakho;

6. anidlanga sonka, aniselanga wayini nasiselo sinxilisayo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.

7. Nafika kule ndawo, waphuma uSihon ukumkani waseHeshbhon, no-Ogi ukumkani waseBhashan, basihlangabeza ngemfazwe, sababulala;

8. salithabatha ilizwe labo salinika amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, ukuba libe lilifa.

9. Wagcineni ke amazwi alo mnqophiso, niwenze, ukuze nikwenze ngengqiqo konke eniya kukwenza.

10. Nimi namhla nonke niphela phambi koYehova uThixo wenu; iintloko zenu, nezizwe zenu, namadoda amakhulu akowenu, nababhali benu, onke amadoda akwaSirayeli,

11. nabantwana benu, nabafazi benu, nomphambukeli ophakathi komzi wakho, kuthabathela kogawula iinkuni zakho, kuse kokha amanzi akho;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 29