Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 28:31-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Yoxhelwa inkomo yakho ùkhangele, ùngayidli; kohluthwa iesile lakho ebusweni bakho, lingabuyeli kuwe; yonikwa iintshaba zakho impahla yakho emfutshane, ungabi nabani uyihlangulayo.

32. Bonikwa bantu bambi oonyana bakho neentombi zakho, akhangele amehlo akho, aphelele kubo imini yonke, singabi namandla isandla sakho.

33. Isiqhamo somhlaba wakho, nokuxelenga kwakho konke, kodliwa ngabantu ongàbaziyo, ucudiswe, uvikivwe kuphela yonke imihla;

34. ubhudiswe kukubona akubonayo amehlo akho.

35. UYehova wokubetha emadolweni nasemilenzeni ngamathumba amabi, ungabi nakuphiliswa kuwo, athabathele entendeni yonyawo lwakho ase elukakayini.

36. UYehova wokusa wena, nokumkani wakho othe wammisa phezu kwakho, eluhlangeni eningalwaziyo wena nooyihlo, ukhonze khona apho thixo bambi, imithi namatye;

37. ube ngummangaliso, nondaba-mlonyeni, nento yentsini, phakathi kwezizwe zonke athe uYehova wakuqhubela kuzo.

38. Wòphuma nembewu eninzi uye entsimini, uvune into encinane; ngokuba iya kunqunquthwa ziinkumbi.

39. Wòtyala izidiliya, uzisebenze, ungaseli wayini noko, ungavuni zidiliya; ngokuba ziya kudliwa ngukruxeshe.

40. Wòba neminquma emideni yakho yonke, ungazithambisi ngeoli noko; ngokuba iminquma yakho iya kunyothulwa.

41. Wòzala oonyana neentombi, ungabi nabo noko; ngokuba baya kuthinjwa.

42. Yonke imithi yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, sohluthwa ziinkumbi.

43. Owasemzini ophakathi kwakho wokunyuka, aye enyuka ngokunyuka; wena uye usihla ngokuhla.

44. Wókuboleka yena, ungamboleki wena; wóba yintloko yena, ube ngumsila wena.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 28