24. UYehova woyenza imvula yelizwe lakho ibe luthuthu nothuli, ihle ezulwini phezu kwakho ude utshabalale.
25. UYehova wokunikela ubethwe ziintshaba zakho, uphume ngandlela-nye ukuya kuzo, uzibaleke ngeendlela ezisixhenxe, ube yinto yokufeketha ezikumkanini zonke zehlabathi;
26. isidumbu sakho sibe kukudla kweentaka zonke zezulu, nokwamarhamncwa elizwe, kungabikho bani uphekuzayo.
27. UYehova wokubetha ngethumba laseYiputa, nangezilonda, nangokhwekhwe, nangenjinana, ongayi kuba nako ukuphiliswa kuzo.