Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 28:21-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. UYehova woyinamathelisa kuwe indyikitya yokufa, ade akuphelise, ungabikho phezu komhlaba lowo uya kuwo ukuba uwumé.

22. UYehova wokubetha ngesifo sephepha, nangecesina, nangokurhala, nangokuvutha komzimba, nangekrele, nangembabala, nangexoshomba, zikusukele ezo nto ude ubhubhe.

23. Izulu lakho eliphezu kwentloko yakho loba lubhedu, umhlaba ophantsi kwakho ube sisinyithi.

24. UYehova woyenza imvula yelizwe lakho ibe luthuthu nothuli, ihle ezulwini phezu kwakho ude utshabalale.

25. UYehova wokunikela ubethwe ziintshaba zakho, uphume ngandlela-nye ukuya kuzo, uzibaleke ngeendlela ezisixhenxe, ube yinto yokufeketha ezikumkanini zonke zehlabathi;

26. isidumbu sakho sibe kukudla kweentaka zonke zezulu, nokwamarhamncwa elizwe, kungabikho bani uphekuzayo.

27. UYehova wokubetha ngethumba laseYiputa, nangezilonda, nangokhwekhwe, nangenjinana, ongayi kuba nako ukuphiliswa kuzo.

28. UYehova wokubetha ngokubhuda nangobumfama, nangokuphambana ingqondo,

29. uphuthaphuthe emini emaqanda, njengemfama iphuthaphutha esithokothokweni; ungabi nampumelelo ezindleleni zakho, ucudiswe kodwa, uphangwe yonke imihla, kungabikho bani ukusindisayo.

30. Wòziganela umfazi, alalwe ndoda yimbi; woyakha indlu ungayihlali; wotyala isidiliya ungasidli.

31. Yoxhelwa inkomo yakho ùkhangele, ùngayidli; kohluthwa iesile lakho ebusweni bakho, lingabuyeli kuwe; yonikwa iintshaba zakho impahla yakho emfutshane, ungabi nabani uyihlangulayo.

32. Bonikwa bantu bambi oonyana bakho neentombi zakho, akhangele amehlo akho, aphelele kubo imini yonke, singabi namandla isandla sakho.

33. Isiqhamo somhlaba wakho, nokuxelenga kwakho konke, kodliwa ngabantu ongàbaziyo, ucudiswe, uvikivwe kuphela yonke imihla;

34. ubhudiswe kukubona akubonayo amehlo akho.

35. UYehova wokubetha emadolweni nasemilenzeni ngamathumba amabi, ungabi nakuphiliswa kuwo, athabathele entendeni yonyawo lwakho ase elukakayini.

36. UYehova wokusa wena, nokumkani wakho othe wammisa phezu kwakho, eluhlangeni eningalwaziyo wena nooyihlo, ukhonze khona apho thixo bambi, imithi namatye;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 28