Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 28:2-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. zibe phezu kwakho ezi ntsikelelo zonke, zikufumane, xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho:

3. Wòsikelelwa phakathi komzi, usikelelwe emaphandleni;

4. sisikelelwe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo somhlaba wakho, nesiqhamo sempahla yakho ezitho ziné, nenkonyana yenkomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane isikelelwe ingobozi yakho,

5. nomkhombe wakho wokuxovulela intlama.

6. Wòsikelelwa ekungeneni kwakho, usikelelwe ekuphumeni kwakho.

7. UYehova wozinikela zixatyelwe phambi kwakho iintshaba zakho ezivukelana nawe; ziphume zisiza kuwe ngandlelanye, zikubaleke ngeendlela ezisixhenxe.

8. UYehova uya kuthetha intsikelelo, ibe nawe emaqongeni akho, nasezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, akusikelele ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho.

9. UYehova wonimisa nibe ngabantu abangcwele kuye, njengoko wakufungelayo, xa uthe wayigcina imithetho kaYehova uThixo wakho, wahamba ngeendlela zakhe;

10. zibòne zonke izizwe zehlabathi, ukuba igama likaYehova libizwe phezu kwakho, zikoyike.

11. UYehova wokwandisela okulungileyo esiqhameni sesizalo sakho, nasesiqhameni sempahla yakho ezitho ziné, nasesiqhameni somhlaba wakho, emhlabeni lowo awafungáyo uYehova kooyihlo ukuba wokunika.

12. UYehova wokuvulela uvimba wakhe olungileyo, izulu lilinike imvula ilizwe lakho ngexesha layo, awusikelele wonke umsebenzi wesandla sakho, uboleke iintlanga ezininzi, ungaboleki kuzo wena.

13. UYehova wokwenza ube yintloko, ungabi ngumsila; ibe nguwe wedwa onyukayo, ungabi ngohlayo: xa uthe wayiphulaphula imithetho kaYehova uThixo wakho, endikuwiselayo namhla ukuba uyigcine, uyenze;

14. àkwatyeka emazwini onke endiniwisela umthetho ngawo namhla, uye ekunene nasekhohlo, ukulandela thixo bambi, ubakhonze.

15. Ke kothi, ukuba uthe akwaliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba uyigcine uyenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe endikuwiselayo namhla, zize phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane:

16. Wòqalekiswa phakathi komzi, uqalekiswe emaphandleni;

17. iqalekiswe ingobozi yakho, nomkhombe wakho wokuxovulela intlama;

18. siqalekiswe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo somhlaba wakho, nenkonyana yenkomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane.

19. Wòqalekiswa ekungeneni kwakho, uqalekiswe ekuphumeni kwakho.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 28