Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 28:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kothi, ukuba ùthe waliphulaphula ngenkuthalo izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba ugcine wenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla, uYehova uThixo wakho akuphakamise ngaphezu kweentlanga zonke zehlabathi;

2. zibe phezu kwakho ezi ntsikelelo zonke, zikufumane, xa uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho:

3. Wòsikelelwa phakathi komzi, usikelelwe emaphandleni;

4. sisikelelwe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo somhlaba wakho, nesiqhamo sempahla yakho ezitho ziné, nenkonyana yenkomo yakho, namatakane empahla yakho emfutshane isikelelwe ingobozi yakho,

5. nomkhombe wakho wokuxovulela intlama.

6. Wòsikelelwa ekungeneni kwakho, usikelelwe ekuphumeni kwakho.

7. UYehova wozinikela zixatyelwe phambi kwakho iintshaba zakho ezivukelana nawe; ziphume zisiza kuwe ngandlelanye, zikubaleke ngeendlela ezisixhenxe.

8. UYehova uya kuthetha intsikelelo, ibe nawe emaqongeni akho, nasezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho, akusikelele ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho.

9. UYehova wonimisa nibe ngabantu abangcwele kuye, njengoko wakufungelayo, xa uthe wayigcina imithetho kaYehova uThixo wakho, wahamba ngeendlela zakhe;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 28