Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 27:8-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. uwabhale uwalungise ematyeni lawo onke amazwi aló myalelo kakuhle.

9. UMoses nababingeleli abaLevi bathetha ke kumaSirayeli onke, besithi, Yithi cwaka, uve, Sirayeli! Namhla nithe naba ngabantu kuYehova uThixo wakho;

10. uze uliphulaphule izwi likaYehova uThixo wakho, wenze imithetho yakhe nemimiselo yakhe, endikuwiselayo namhla.

11. UMoses wabawisela abantu umthetho ngaloo mini, esithi,

12. Aba baya kuma basikelele abantu, entabeni yeGerizim, nakuyiwela iYordan: uSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noYosefu, noBhenjamin:

13. aba baya kuma baqalekise, entabeni ye-Ebhali: uRubhen, noGadi, noAshere, noZebhulon, noDan, noNafetali.

14. Bohlabela abaLevi, bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli ngezwi elikhulu:

15. Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.

16. Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 27