13. aba baya kuma baqalekise, entabeni ye-Ebhali: uRubhen, noGadi, noAshere, noZebhulon, noDan, noNafetali.
14. Bohlabela abaLevi, bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli ngezwi elikhulu:
15. Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo, into elisikizi kuYehova, into engumsebenzi wezandla zomkroli, ayibeke endaweni esitheleyo; bavume bonke abantu, bathi, Amen.
16. Uqalekisiwe ocukuceza uyise nokuba ngunina; bathi bonke abantu, Amen.
17. Uqalekisiwe oshenxisa umlimandlela wommelwane wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
18. Uqalekisiwe olahlekisa imfama endleleni; bathi bonke abantu, Amen.
19. Uqalekisiwe ojika isigwebo somphambukeli nenkedama nomhlolokazi; bathi bonke abantu, Amen.
20. Uqalekisiwe olala nomkayise; ngokuba utyhila isondo lengubo kayise; bathi bonke abantu, Amen.
21. Uqalekisiwe olala nantoni ezitho ziné; bathi bonke abantu, Amen.
22. Uqalekisiwe olala nodade wabo, nokuba yintombi kayise, nokuba yintombi kanina; bathi bonke abantu, Amen.
23. Uqalekisiwe olala nomkhwekazi wakhe; bathi bonke abantu, Amen.
24. Uqalekisiwe ombulalayo ummelwane wakhe ngasese; bathi bonke abantu, Amen.
25. Uqalekisiwe osamkelayo isicengo sokubulala umntu, igazi elingenatyala; bathi bonke abantu, Amen.