Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 26:13-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. wòthi phambi koYehova uThixo wakho, Ndiyikhuphe kwee tu into engcwele endlwini yam; kananjalo ndimnikile umLevi, nomphambukeli, nenkedama, nomhlolokazi, ngokomthetho wakho wonke ondiwiseleyo; andigqithanga emithethweni yakho, andilibalanga nto.

14. Andidlanga nto kuyo esililweni sam, andikhuphanga nto kuyo ebunqambini bam, andinikanga nto yayo ngenxa yofileyo. Ndiliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wam, ndenza ngako konke andiwisele umthetho ngako.

15. Vela ekhayeni lakho elingcwele emazulwini, uqondele, ubasikelele abantu bakho, amaSirayeli, nomhlaba lo usinikileyo, njengoko wafungayo koobawo, ilizwe elibaleka amasi nobusi.

16. Namhlanje uYehova uThixo wakho ukuwisele umthetho, ukuba uyenze le mimiselo nala masiko; uwagcine ke, uwenze ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke.

17. UYehova namhla ùmbangile wathi únguThixo kuwe, nokuba wena wòhamba ngeendlela zakhe, uyigcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, uliphulaphule izwi lakhe.

18. NoYehova namhla unibangile nina, wathi ningabantu abayinqobo kuye, njengoko wathethayo kuni, ukuze niyigcine yonke imithetho yakhe;

19. aniphakamise ngaphezu kweentlanga zonke azenzileyo, ukuba nibe yindumiso, negama, nendili; nibe ngabantu abangcwele kuYehova uThixo wenu, njengoko wakuthethayo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 26