Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 26:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kothi, xa uthe wangena ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, walihlutha, wema kulo:

2. uthabathe inxenye yolibo lweziqhamo zonke zomhlaba oya kuzingenisa, ziphuma ezweni lakho akunikayo uYehova uThixo wakho, uzibeke engobozini; uye kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela, ukuba alibeke khona igama lakhe;

3. uye kumbingeleli othe wakho ngaloo mihla, uthi kuye, Ndiyaxela namhla kuYehova uThixo wakho, ukuba ndingenile kulo ilizwe, awafungayo uYehova koobawo ukuba wosinika lona.

4. Wóyithabatha ke umbingeleli ingobozi esandleni sakho, ayibeke phantsi phambi kwesibingelelo sikaYehova uThixo wakho.

5. Uze uphendule ke uthi phambi koYehova uThixo wakho, EbengumAram* ochithakeleyo ubawo. Wehla waya eYiputa, waphambukela khona, ebantu bambalwa; waba luhlanga ke khona olukhulu olunamandla, oluninzi.

6. Asiphatha kakubi amaYiputa, asicinezela, abeka umsebenzi onzima phezu kwethu.

7. Sakhala kuYehova uThixo woobawo, waliphulaphula uYehova ilizwi lethu; wazibona iintsizi zethu, nokwaphuka kwethu, nokuxinwa kwethu.

8. Wasikhupha uYehova eYiputa ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, nangemiqondiso, nangezimanga;

9. wasingenisa kule ndawo, wasinika eli lizwe, ilizwe elibaleka amasi nobusi.

10. Kaloku ke, nanku ndizise ulibo lweziqhamo zomhlaba lowo ùndinikileyo, Yehova.Uze uyibeke phantsi phambi koYehova uThixo wakho, uqubude phambi koYehova uThixo wakho;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 26