Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 25:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. afike kuyo umkamfi lowo phambi kwamadoda amakhulu, ayikhulule imbadada elunyaweni lwayo, ayitshicele ebusweni, aphendule athi, Makwenjiwe nje kwindoda engayi kuyakha indlu yomntu ozalana nayo.

10. Kothiwa ke igama layo kwaSirayeli nguNdlw-ikhululwe-imbadada.

11. Xa kuthe kwantlalana amadoda amabini, umntu nomzalwana wakhe, wasondela umfazi wenye, ukuba ahlangule indoda yakhe esandleni seyibethayo, wolula isandla sakhe, wayibamba ngamaphambili,

12. wòsinqumla isandla sakhe, lingabi nanceba iliso lakho.

13. Uze ungabi namatye ngamatye okulinganisa engxoweni yakho, amakhulu namancinane.

14. Uze ungabi nee-efa* ngee-efa endlwini yakho, enkulu nencinane;

15. uze ube nelitye elizalisekileyo, elilelobulungisa; uze ube ne-efa ezalisekileyo, eyiyeyobulungisa, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni lowo akunikayo uYehova uThixo wakho.

16. Ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza loo nto, bonke abenza ubumenemene.

17. Khumbula loo nto wayenzayo uAmaleki kuwe endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa;

18. owakuhlangabezayo ngendlela, wabetha kuwo umqosheliso wakho, bonke abaphelelweyo abasemva kuwe, útyhafile, údiniwe; akamoyika uThixo.

19. Kothi, ekukuphumzeni kukaYehova uThixo wakho ezintshabeni zakho zonke ngeenxa zonke, ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa ulimé, usicime isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwezulu; uze ungalibali.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 25