Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 24:4-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. mayingabi nako indoda yakhe yokuqala eyamgxothayo, ukubuya imzeke abe ngumkayo, emveni kokuba enziwe inqambi; ngokuba lisikizi elo kuYehova. Uze ungalenzi, ukuba lone ilizwe elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa.

5. Xa indoda ithe yazeka umfazi omtsha, mayingaphumi nomkhosi, ingàphathiswa msebenzi nawuphi. Yokhululeka ngenxa yendlu yayo umnyaka ube mnye, ivuyisane nomkayo emzekileyo.

6. Makangenziwa sibambiso amatye okusila, nokuba lelingaphezulu, kuba oko kukubambisa ngomphefumlo.

7. Xa ithe indoda yafunyanwa isiba umntu ebazalwaneni bayo, oonyana bakaSirayeli, imphathe kakubi, ithengise ngaye njengekhoboka: malife elo sela; ubutshàyele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.

8. Zigcine esibethweni seqhenqa, ugcine kunene, wenze ngokwezinto zonke abaya kuniyala ngazo ababingeleli, abaLevi; njengoko ndabawisela umthetho, nigcine ukwenza.

9. Khumbula oko uYehova uThixo wakho wakwenza kuMiriyam endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa.

10. Xa uthe wamboleka ummelwane wakho nokuba yintoni ebolekwayo, uze ungangeni endlwini yakhe, uye kuthabatha isibambiso kuye.

11. Uze ume ngaphandle, ithi loo ndoda uyibolekayo iphume, isizise kuwe isibambiso eso.

12. Ukuba indoda ithe yaba iswele, uze ungalali unesibambiso sayo;

13. wosibuyisela kuyo isibambiso eso ukutshona kwelanga, ilale ngengubo yayo, ikusikelele, ube nobulungisa phambi koYehova uThixo wakho.

14. Uze ungamcudisi umqeshwa ongaba uswele, olihlwempu, nokuba ngowabazalwana bakho, nokuba ngowabaphambukeli bakho abasezweni lakho, emasangweni akho.

15. Ngemini yakhe wòmnika umvuzo wakhe, lingatshoni ilanga usekuwe; ngokuba eswele, ewumise umphefumlo wakhe kuwo; hleze akhale ngawe kuYehova, oko ke kube sisono kuwe.

16. Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana; oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesono sakhe.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 24