Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 24:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Uze ungamcudisi umqeshwa ongaba uswele, olihlwempu, nokuba ngowabazalwana bakho, nokuba ngowabaphambukeli bakho abasezweni lakho, emasangweni akho.

15. Ngemini yakhe wòmnika umvuzo wakhe, lingatshoni ilanga usekuwe; ngokuba eswele, ewumise umphefumlo wakhe kuwo; hleze akhale ngawe kuYehova, oko ke kube sisono kuwe.

16. Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana; oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesono sakhe.

17. Uze ungasijiki isigwebo sowasemzini nesenkedama; ungayenzi isibambiso ingubo yomhlolokazi.

18. Khumbula ukuba ube ulikhoboka eYiputa. UYehova uThixo wakho wakukhulula khona; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ukuba uyenze le nto.

19. Xa uthe waluvuna uvuno lwakho entsimini yakho, walibala isithungu entsimini, uze ungabuyi uye kusithabatha; soba sesomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi, ukuze uYehova uThixo wakho akusikelele emsebenzini wonke wezandla zakho.

20. Xa uthe wawuvuthulula umnquma wakho, uze ungaphindi uwavuthulule amasebe emva kwakho; wóba ngowomphambukeli, nowenkedama, nowomhlolokazi.

21. Xa uthe wasivuna isidiliya sakho, uze ungasibhikici emva kwakho; soba sesomphambukeli, nesenkedama, nesomhlolokazi;

22. ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa. Ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ukuba uyenze le nto.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 24