Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 23:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Makangangeni ebandleni likaYehova olinyazwe ngokutyunyuzwa amasende, nonqanyulwe ubudoda.

2. Makungangeni mgqakhwe ebandleni likaYehova; nesizukulwana sawo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova.

3. Makangangeni ebandleni likaYehova umAmon nomMowabhi; nesizukulwana sabo seshumi masingangeni ebandleni likaYehova naphakade;

4. ngenxa yokuba benganikhawulelanga ngesonka nangamanzi endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa; nangenxa enokuba bakuqeshela uBhileham unyana kaBhehore, wasePetore kwa-Aram* phakathi kwemiLambo,* ukuba akuqalekise.

5. Àkavuma ke uYehova uThixo wakho ukumphulaphula uBhileham; usuke uYehova uThixo wakho wakuguqulela isiqalekiso saba yintsikelelo; ngokuba ubekuthanda uYehova uThixo wakho.

6. Uze ungalukhathaleli naphakade uxolo lwabo nokuhlala kwabo kakuhle, yonke imihla yakho.

7. Aze angabi lisikizi kuwe umEdom, ngokuba ngumzalwana wakho; aze angabi lisikizi kuwe umYiputa, ngokuba ube ungumphambukeli ezweni lakhe.

8. Oonyana abathe babazala, abasisizukulwana sabo sesithathu, bongena ebandleni likaYehova.

9. Xa uthe waphuma umkhosi, waya ezintshabeni zakho, uze uzigcine kwinto yonke embi.

10. Xa kuthe kwakho kuwe indoda engahlambulukileyo, ngenxa yento eyihleleyo ebusuku, yophuma iye ngaphandle kweminquba; mayingangeni phakathi kweminquba.

11. Kothi, xa kuhlwayo, ihlambe ngamanzi; ithi lakutshona ilanga, ingene ke ngaphakathi kweminquba.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 23