Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 22:8-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Xa uthe wakha indlu entsha, wolwenzela ungqameko uphahla lwakho, ukuze ungazisi magazi endlwini yakho, xa athe wawa owayo kuyo.

9. Uze ungasihlwayeli isidiliya sakho iintlobo ezimbini zeembewu; hleze inzala yembewu oyihlwayeleyo, kunye nongeniselo lwesidiliya eso, lulunge kwindawo engcwele.

10. Uze ungalimi ngenkomo ne-esile kunye.

11. Uze ungambathi ingubo engumxube, uboya nelinen ndawonye.

12. Uze uzenzele iintshinga emasondweni omané engubo ozigubungela ngayo.

13. Xa indoda ithe yazeka umfazi,

14. yamngena, yaza yamthiya, yathetha ngaye iintlondi ezibangela intetho, yamvelisela igama elibi, yathi, Ndimzekile lo mfazi, ndasondela kuye, andazifumana iimpawu zobuntombi kuye:

15. uyise wentombi nonina bozithabatha iimpawu zobuntombi bentombi leyo, baphume nazo bazisé kumadoda amakhulu omzi esangweni.

16. Wóthi uyise wentombi kumadoda amakhulu, Intombi yam ndiyinike lo mfo ukuba ibe ngumkakhe, wayithiya;

17. yabonani, uthethe iintlondi ezibangela intetho, esithi, Andizifumananga iimpawu zobuntombi entombini yakho; ke nanzi iimpawu zobuntombi bentombi yam. Boyaneka ke ingubo enazo phambi kwamadoda amakhulu omzi.

18. Amadoda amakhulu aloo mzi omthabatha loo mfo, ambethe,

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 22