Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 22:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.

6. Xa uthe waqubisana nendlu yentaka endleleni, nokuba kusemthini, nokuba kusemhlabeni, nokuba imathole, nokuba imaqanda, unina ehleli phezu kwamathole lawo, nokuba kuphezu kwamaqanda: uze ungamthabathi unina kunye namathole.

7. Wòmndulula unina lowo, uzithabathele amathole lawo, ukuze kulúnge kuwe, uyolule imihla yakho.

8. Xa uthe wakha indlu entsha, wolwenzela ungqameko uphahla lwakho, ukuze ungazisi magazi endlwini yakho, xa athe wawa owayo kuyo.

9. Uze ungasihlwayeli isidiliya sakho iintlobo ezimbini zeembewu; hleze inzala yembewu oyihlwayeleyo, kunye nongeniselo lwesidiliya eso, lulunge kwindawo engcwele.

10. Uze ungalimi ngenkomo ne-esile kunye.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 22