Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 22:25-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ukuba umfo uthe wayifumana endle intombi eseliganiwe, wayibamba loo mfo, wayilala, wofa yedwa loo mfo uyileleyo.

26. Uze ungayenzi into intombi leyo; akukho sono silingenwe kukufa entombini; ngokuba njengoko indoda ithi imvunukele ummelwane wayo, imbulale afe, injalo le ndawo.

27. Ngokuba úyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.

28. Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engàganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo:

29. loo mfo uyileleyo wómnika uyise wentombi amashumi omahlanu eeshekele zesilivere, ibe ngumkakhe, ngenxa yokuba eyonile. Akanakuyala yonke imihla yakhe.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 22