Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 22:24-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. nobakhupha bobabini nibamise ngasesangweni laloo mzi, nibaxulube ngamatye, bafe; inkazana leyo, ngenxa yokuba ingakhalanga iphakathi komzi; umfo lowo, ngenxa yokuba emonile umfazi wommelwane wakhe; ubutshàyele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.

25. Ukuba umfo uthe wayifumana endle intombi eseliganiwe, wayibamba loo mfo, wayilala, wofa yedwa loo mfo uyileleyo.

26. Uze ungayenzi into intombi leyo; akukho sono silingenwe kukufa entombini; ngokuba njengoko indoda ithi imvunukele ummelwane wayo, imbulale afe, injalo le ndawo.

27. Ngokuba úyifumene endle, yakhala intombi eganiweyo, akwabakho uyisindisayo.

28. Xa umfo athe wayifumana intombi eyintombi engàganiweyo, wayibamba, wayilala; kwafumaneka ukuba kunjalo:

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 22