Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 22:11-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Uze ungambathi ingubo engumxube, uboya nelinen ndawonye.

12. Uze uzenzele iintshinga emasondweni omané engubo ozigubungela ngayo.

13. Xa indoda ithe yazeka umfazi,

14. yamngena, yaza yamthiya, yathetha ngaye iintlondi ezibangela intetho, yamvelisela igama elibi, yathi, Ndimzekile lo mfazi, ndasondela kuye, andazifumana iimpawu zobuntombi kuye:

15. uyise wentombi nonina bozithabatha iimpawu zobuntombi bentombi leyo, baphume nazo bazisé kumadoda amakhulu omzi esangweni.

16. Wóthi uyise wentombi kumadoda amakhulu, Intombi yam ndiyinike lo mfo ukuba ibe ngumkakhe, wayithiya;

17. yabonani, uthethe iintlondi ezibangela intetho, esithi, Andizifumananga iimpawu zobuntombi entombini yakho; ke nanzi iimpawu zobuntombi bentombi yam. Boyaneka ke ingubo enazo phambi kwamadoda amakhulu omzi.

18. Amadoda amakhulu aloo mzi omthabatha loo mfo, ambethe,

19. amhlahlise ikhulu leeshekele* zesilivere, anike uyise wentombi; ngokuba wayivelisela igama elibi intombi yakwaSirayeli; ibe ngumkakhe ke. Akayi kuba nakuyala yonke imihla yakhe.

20. Ke ukuba eli lizwi lithe layinyaniso, azafumaneka iimpawu zobuntombi baloo ntombi,

21. oyikhupha loo ntombi, ayimise ngasemnyango wendlu kayise, ayigibisele ngamatye amadoda omzi wakowayo, ife; ngokuba yenzé ubudenge kwaSirayeli, yahenyuza endlwini kayise; ubutshayele ke ububi, bungabikho phakathi kwenu.

22. Xa indoda ithe yafunyanwa imlele umkamntu, bofa bobabini, loo ndoda ilele naloo mfazi, nomfazi lowo; ubutshàyele ke ububi, bungabikho kwaSirayeli.

23. Xa kuthe kwakho inkazana eyintombi eganelwe indoda, wayifumana umfo phakathi komzi, wayilala:

24. nobakhupha bobabini nibamise ngasesangweni laloo mzi, nibaxulube ngamatye, bafe; inkazana leyo, ngenxa yokuba ingakhalanga iphakathi komzi; umfo lowo, ngenxa yokuba emonile umfazi wommelwane wakhe; ubutshàyele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho.

25. Ukuba umfo uthe wayifumana endle intombi eseliganiwe, wayibamba loo mfo, wayilala, wofa yedwa loo mfo uyileleyo.

26. Uze ungayenzi into intombi leyo; akukho sono silingenwe kukufa entombini; ngokuba njengoko indoda ithi imvunukele ummelwane wayo, imbulale afe, injalo le ndawo.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 22