Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 22:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uze ungàthi, uyibona inkomo yomzalwana wakho, nokuba yigusha yakhe, ilahleka, uzisithelise kuyo; wòyibuyisela nokuba kutheni kumzalwana wakho.

2. Ke, ukuba akasondelelene nawe umzalwana wakho, akumazi, wòzihlanganisela ekhayeni lakho, zibe kuwe, ade azifune umzalwana wakho, uzibuyisele kuye ke.

3. Ùya kwenjenjalo kwiesile lakhe, wenjenjalo kwingubo yakhe, wenjenjalo kwinto yonke yomzalwana wakho elahlekileyo, ethe yalahleka kuye wayifumana wena; akunakuzisithelisa kuyo.

4. Uze ungàthi, ulibona iesile lomzalwana wakho, nokuba yinkomo yakhe, iwile endleleni, uzisithelise kuyo; wòmncedisa ukuyivusa.

5. Impahla yendoda ize inganxitywa yinkazana, nendoda ize ingazinxibi iingubo zenkazana; ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza ezo zinto.

6. Xa uthe waqubisana nendlu yentaka endleleni, nokuba kusemthini, nokuba kusemhlabeni, nokuba imathole, nokuba imaqanda, unina ehleli phezu kwamathole lawo, nokuba kuphezu kwamaqanda: uze ungamthabathi unina kunye namathole.

7. Wòmndulula unina lowo, uzithabathele amathole lawo, ukuze kulúnge kuwe, uyolule imihla yakho.

8. Xa uthe wakha indlu entsha, wolwenzela ungqameko uphahla lwakho, ukuze ungazisi magazi endlwini yakho, xa athe wawa owayo kuyo.

9. Uze ungasihlwayeli isidiliya sakho iintlobo ezimbini zeembewu; hleze inzala yembewu oyihlwayeleyo, kunye nongeniselo lwesidiliya eso, lulunge kwindawo engcwele.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 22