1. Uze ungàthi, uyibona inkomo yomzalwana wakho, nokuba yigusha yakhe, ilahleka, uzisithelise kuyo; wòyibuyisela nokuba kutheni kumzalwana wakho.
2. Ke, ukuba akasondelelene nawe umzalwana wakho, akumazi, wòzihlanganisela ekhayeni lakho, zibe kuwe, ade azifune umzalwana wakho, uzibuyisele kuye ke.