15. Xa ithe indoda yanabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela oonyana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ke unyana wamazibulo waba ngowothiyiweyo:
16. kothi mini ibabèla ilifa lento enayo oonyana bayo, ingabi nako ukumenza owamazibulo unyana wothandwayo, phambi konyana wothiyiweyo ongowamazibulo;
17. kuba owamazibulo, unyana lo wothiyiweyo, yomazalelela, imnike izahlulo ezibini zento yonke eya kufunyanwa inayo; ngokuba eyingqalo yokuqina kwayo, bulungé nayo ubuzibulo.
18. Xa indoda ithe yanonyana oyinjubaqa, oneenkani, ongaliphulaphuliyo ilizwi likayise nelizwi lonina, bambetha, akabaphulaphula noko:
19. uyise nonina bombamba baphume naye, baye kumadoda amakhulu omzi wakowabo, nasesangweni laloo ndawo yakowabo;
20. bathi kumadoda amakhulu omzi wakowabo, Lo nyana wethu uyinjubaqa, uneenkani, akaliphulaphuli ilizwi lethu, ulidlakudla, ulinxila.
21. Omgibisela ngamatye onke amadoda omzi wakowabo, afe; ubutshàyele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho, eve onke amaSirayeli, oyike
22. Xa ithe indoda yaba nesono esifanelwe kukufa, yabulawa, yaxhonywa emthini,