Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 21:13-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. iyisuse kuyo ingubo yokuthinjwa kwayo, ihlale endlwini yakho, imlilele uyise nonina inyanga iphela. Emveni koko woyingena, ube yindoda yayo, yona ibe ngumkakho.

14. Kothi ukuba uthe akwayinanza, uyindulule iye ekuthandeni kwayo; ungakhe uthengise ngayo ngemali, ungayiphathi kakubi, uyonile nje.

15. Xa ithe indoda yanabafazi ababini, omnye ethandwa, omnye ethiyiwe, bayizalela oonyana, lowo uthandwayo nalowo uthiyiweyo; ke unyana wamazibulo waba ngowothiyiweyo:

16. kothi mini ibabèla ilifa lento enayo oonyana bayo, ingabi nako ukumenza owamazibulo unyana wothandwayo, phambi konyana wothiyiweyo ongowamazibulo;

17. kuba owamazibulo, unyana lo wothiyiweyo, yomazalelela, imnike izahlulo ezibini zento yonke eya kufunyanwa inayo; ngokuba eyingqalo yokuqina kwayo, bulungé nayo ubuzibulo.

18. Xa indoda ithe yanonyana oyinjubaqa, oneenkani, ongaliphulaphuliyo ilizwi likayise nelizwi lonina, bambetha, akabaphulaphula noko:

19. uyise nonina bombamba baphume naye, baye kumadoda amakhulu omzi wakowabo, nasesangweni laloo ndawo yakowabo;

20. bathi kumadoda amakhulu omzi wakowabo, Lo nyana wethu uyinjubaqa, uneenkani, akaliphulaphuli ilizwi lethu, ulidlakudla, ulinxila.

21. Omgibisela ngamatye onke amadoda omzi wakowabo, afe; ubutshàyele ke ububi, bungabikho phakathi kwakho, eve onke amaSirayeli, oyike

22. Xa ithe indoda yaba nesono esifanelwe kukufa, yabulawa, yaxhonywa emthini,

23. isidumbu sayo masingalali emthini. Wòsingcwaba kwangaloo mini, ngokuba oxhonyiweyo usisiqalekiso kuThixo; uze ungawenzi inqambi umhlaba wakho akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ube lilifa.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 21