1. Xa kuthe kwafunyanwa obuleweyo kuwo umhlaba akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba uwumé, equngquluzile endle, àkwaziwa ukuba ubulewe ngubani na:
2. ophuma amadoda amakhulu akowenu, nabagwebi bakowenu, alinganise, asingise emizini emjikelezileyo lowo ubuleweyo.
3. Kothi ke, umzi osondeleyo kobuleweyo, amadoda amakhulu aloo mzi athabathe ithokazi lenkomo, elingasetyenziswanga, elingatsalanga ngadyokhwe;
4. ahle amadoda amakhulu nethokazi, aye emfuleni ohlala unamanzi, ongalinywanga, ongahlwayelwanga, alaphule intamo ithokazi emfuleni apho.
5. Bofika ababingeleli, oonyana bakaLevi; ngokuba unyulé bona uYehova uThixo wakho, ukuba balungiselele kuye, basikelele egameni likaYehova; kume ngokomlomo wabo ukubambana konke, nokubetha konke.
6. Onke amadoda amakhulu aloo mzi usondeleyo kobuleweyo ozihlamba izandla zawo phezu kwethokazi, elaphulwe intamo emfuleni apho;
7. aphendule, athi, Izandla zethu aziliphalazanga eli gazi, namehlo ethu akabonanga;
8. camagu, Yehova, kubantu bakho amaSirayeli owawakhululayo; musa ukubeka igazi elingenatyala phakathi kwabantu bakho amaSirayeli.
9. Bolicanyagushelwa ke igazi. Wolitshayela ke wena igazi elingenatyala, lingabikho phakathi kwakho, xa uthe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.