Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 21:1-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Xa kuthe kwafunyanwa obuleweyo kuwo umhlaba akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba uwumé, equngquluzile endle, àkwaziwa ukuba ubulewe ngubani na:

2. ophuma amadoda amakhulu akowenu, nabagwebi bakowenu, alinganise, asingise emizini emjikelezileyo lowo ubuleweyo.

3. Kothi ke, umzi osondeleyo kobuleweyo, amadoda amakhulu aloo mzi athabathe ithokazi lenkomo, elingasetyenziswanga, elingatsalanga ngadyokhwe;

4. ahle amadoda amakhulu nethokazi, aye emfuleni ohlala unamanzi, ongalinywanga, ongahlwayelwanga, alaphule intamo ithokazi emfuleni apho.

5. Bofika ababingeleli, oonyana bakaLevi; ngokuba unyulé bona uYehova uThixo wakho, ukuba balungiselele kuye, basikelele egameni likaYehova; kume ngokomlomo wabo ukubambana konke, nokubetha konke.

6. Onke amadoda amakhulu aloo mzi usondeleyo kobuleweyo ozihlamba izandla zawo phezu kwethokazi, elaphulwe intamo emfuleni apho;

7. aphendule, athi, Izandla zethu aziliphalazanga eli gazi, namehlo ethu akabonanga;

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 21